Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 15:10-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Athi ke mna, ma, ukuba uzale umna, umntu wembambano, umntu wengxabano nehlabathi lonke! Andibolekanga, andabolekwa; kanti bonke bephela bayanditshabhisa.

11. UYehova uthi, Inyaniso, ndiya kukuqinisela wena kokulungileyo; inyaniso, utshaba ndiya kulubongozisa kuwe, ngexesha lobubi nangexesha lembandezelo.

12. Sikha saphuke na isinyithi, isinyithi sasentla, nobhedu?

13. Ubutyebi bakho nobuncwane bakho ndobunikela ukuba bube lixhoba, kungengaxabiso, ngenxa yezono zakho zonke, nasemideni yakho yonke;

14. ndíbuweze neentshaba zakho, ndibuye ezweni ongalaziyo; ngokuba kuphenjwé umlilo ngomsindo wam, uvutha phezu kwenu.

15. Wena, Yehova, uyazi, Ndíkhumbule, undivelele, undiphindezelele kubasukeli bam; ekuzekeni kade komsindo wakho ungàndikhukulisi; yazi ukuba ndithwele ihlazo ngenxa yakho.

16. Afumaneka amazwi akho, ndawadla; amazwi akho kum àba yimihlali nemivuyo yentliziyo yam, ngokuba ndabizwa ngegama lakho, Yehova, Thixo wemikhosi.

17. Andihlalanga embuthweni yabahleki, andidlamkanga nokudlamka; ngenxa yesandla sakho ndahlala ndedwa; ngokuba undizalisile ngokubhavuma.

18. Yini na ukuba umvandedwa wam uhlale uhleli, nenxeba lam libulale, lingavumi ukuphola? Wòhla ube ngumlambo okholisayo na kum, omanzi angahlaliyo na?

19. Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Ukuba uthe wabuya, ndokubuyisa, ubuye ume phambi kwam; ukuba uthe wakhupha okunqabileyo kokungení, woba njengomlomo wam; abo baya kubuyela kuwe; ke wena akuyi kubuyela kubo.

20. Ndiya kukwenza udonga lobhedu olunqatyisiweyo kwaba bantu, balwe nawe, bangabi nakukuthini; ngokuba ndinawe, ukuze ndikusindise mna, ndikuhlangule; utsho uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 15