Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 15:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathi ke uYehova kum, Kungafanelana kumi ooMoses noSamuweli phambi kwam, umphefumlo wam ubungebheki kwaba bantu. Bágxothe ebusweni bam, baphume.

2. Kuya kuthi, xa bathe kuwe, Siphùme siye ngaphi na? uthi kubo, Utsho uYehova ukuthi, Abokufa bafe; abekrele babe ngabekrele; abendlala babe ngabendlala; abokuthinjwa bathinjwe.

3. Ndobavelela ngeentlobo eziné, utsho uYehova: ikrele, ukuba libulale; izinja, ukuba zirhwiqilize; iintaka zezulu nezilo zomhlaba, ukuba zidle, ukuba zonakalise.

4. Ndobanikela kwizikumkani zonke zehlabathi ukuba babe yinto yokunqakulwa, ngenxa kaManase unyana kaHezekiya, ukumkani wakwaYuda, ngenxa yoko wakwenzayo eYerusalem.

5. Ewe, ngubani na oya kuba nofefe kuwe, Yerusalem? ngubani na oya kukukhuza? ngubani na oya kuphambuka, abuze ukuphila kwakho?

6. Wena ùndilahlile, utsho uYehova, ùbùye umva; ndiya kusolula isandla sam ngakuwe, ndikonakalise; ndidiniwe kukuzohlwaya.

7. Ndiyabachithachitha ngexhayi emasangweni elizwe, ndibahluthe abantwana abantu bam, ndibatshabalalise, bengabuyi nje ezindleleni zabo.

8. Abahlolokazi babo baziimfidi kum kunentlabathi yolwandle; ndizisa kubo phezu konina wamadodana umbhuqi emini enkulu; ndibawisela ngesiquphe inimba nokukhwankqiswa.

9. Úyantshwenya ozele abasixhenxe, uphuma umphefumlo; liyatshona ilanga lakhe kusesemini; udanile, uneentloni; namasalela abo ndiwanikela ekreleni phambi kweentshaba zabo; utsho uYehova.

10. Athi ke mna, ma, ukuba uzale umna, umntu wembambano, umntu wengxabano nehlabathi lonke! Andibolekanga, andabolekwa; kanti bonke bephela bayanditshabhisa.

11. UYehova uthi, Inyaniso, ndiya kukuqinisela wena kokulungileyo; inyaniso, utshaba ndiya kulubongozisa kuwe, ngexesha lobubi nangexesha lembandezelo.

12. Sikha saphuke na isinyithi, isinyithi sasentla, nobhedu?

13. Ubutyebi bakho nobuncwane bakho ndobunikela ukuba bube lixhoba, kungengaxabiso, ngenxa yezono zakho zonke, nasemideni yakho yonke;

14. ndíbuweze neentshaba zakho, ndibuye ezweni ongalaziyo; ngokuba kuphenjwé umlilo ngomsindo wam, uvutha phezu kwenu.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 15