Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 14:2-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Linesijwili elakwaYuda; amasango alo athe matshamatsha, ahlala emhlabeni enezimnyama zokuzila; kuyenyuka ukukhala kweYerusalem.

3. Iingangamsha zabo zithuma abaphantsi kwazo amanzi; bafika emaquleni, bangafumani manzi; babuya imiphanda yabo izé, bedanile; bathi nqa, bagqubuthele intloko.

4. Ngenxa yomhlaba oqhiphuke umbilini, kuba kungabangakho mvula ezweni, abalimi badanile, bagqubuthele intloko.

5. Ewe, nemazi yexhama iyazala endle, iyishiye inkonyana, ngokuba kungekho luhlaza.

6. Namaesile asendle emi eluqayini, esezela umoya njengeempungutye; ayaphela amehlo awo, ngokuba kungekho mifuno.

7. Ukuba ubugwenxa bethu bungqina ngathi, Yehova, yenza ngenxa yegama lakho; ngokuba kuninzi ukuphamba kwethu; sonile kuwe.

8. Themba likaSirayeli, Msindisi wakhe ngexesha lembandezelo, yini na ukuba ube njengomphambukeli kweli lizwe, ube njengomhambi olalise okobusuku obunye?

9. Yini na ukuba ube njengendoda esuke yathi nka, ube njengegorha elingenakusindisa; kanti uphakathi kwethu, Yehova, negama lakho sibizwe ngalo. Musa ukusiyekela.

10. Utsho uYehova kwaba bantu, ukuthi, Benjénje ukuthanda ukubhadula; iinyawo zabo abazinqandanga; uYehova akakholiswa ngabo; kungoku uya kubukhumbula ubugwenxa babo, azivelele izono zabo.

11. Wathi uYehova kum, Musa ukubathandazela aba bantu, ukuba kulunge kubo.

12. Xa bazila ukudla, andiyi kukuphulaphula ukuhlahlamba kwabo; naxa banyusa amadini anyukayo neminikelo yokudla, andiyi kukholiswa ngawo; ke ndiya kubaphelisa ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa.

13. Ndaza ndathi, Kwowu, Nkosi Yehova, yabona, abaprofeti bathi kubo, Aniyi kubona krele, nendlala aniyi kuba nayo; ndiya kuninika uxolo oluyinyaniso kule ndawo.

14. Wathi uYehova kum, Abaprofeti baprofeta ubuxoki egameni lam; andibathumanga, andibawiselanga mthetho, andithethanga kubo; bona baniprofetela umbono wobuxoki, nokuvumisa, nento engento, nenkohliso yentliziyo yabo.

15. Ngako oko uthi uYehova, ngokusingisele kubaprofeti abaprofeta egameni lam, ndingabathumanga mna, abathi, Akuyi kubakho krele nandlala kweli lizwe; uthi, Baya kufa likrele nayindlala bona abo baprofeti.

16. Naba bantu, baprofetela bona, baya kuba yimilahlwa ezitratweni zaseYerusalem ngenxa yendlala nekrele; kungabikho ubangcwabayo, bona, nabafazi babo, noonyana babo, neentombi zabo, ndibaphalazele ngeento zabo ezimbi.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 14