Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 13:11-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Ngokuba njengokuba umbhinqo unamathela esinqeni sendoba, ndenjenjalo ukuyinamathelisa kum yonke indlu kaSirayeli, nendlu yonke kaYuda, utsho uYehova; ukuze kum ibe ngabantu, ibe ligama, ibe yindumiso, ibe sisihombo; ke abevanga.

12. Uze uthethe kubo eli lizwi: Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yonke imiphanda iyazaliswa ngewayini. Baya kuthi kuwe, Asazi nokwazi na, ukuba yonke imiphanda iyazaliswa ngewayini?

13. Wòthi ke kubo, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndibazalisa ngokunxila bonke abemi beli lizwe, kwaookumkani abahlalele uDavide etroneni yakhe, nababingeleli, nabaprofeti, nabemi bonke baseYerusalem;

14. ndibahlekézele elowo kuwabo, ooyise noonyana kunye, utsho uYehova. Andiyi kuba nalufefe, andiyi kuba nanceba, andiyi kuba namfesane, ukuba ndingabonákalisi.

15. Yivani, nibeke indlebe; musani ukuzidla, ngokuba uYehova uyathetha.

16. Mzukiseni uYehova uThixo wenu, engekahlisi ubumnyama, zingekabetheki ezintabeni zocolothi iinyawo zenu; nithembé ukukhanya, ke yena ukwenza ithunzi lokufa, akwenze isithokothoko.

17. Ukuba anithanga nikuve oko, wólila umphefumlo wam entsithelweni ngenxa yoqhankqalazo lwenu; lityityizele lityityizela, lihle iinyembezi, iliso lam; ngokuba umhlambi kaYehova uthinjiwe.

18. Yithi kukumkani nakwinkosikazi, Zithobeni, hlalani phantsi; ngokuba síyehla ezintlokweni zenu isithsaba sokuhomba kwenu.

19. Imizi yelisezantsi ivaliwe, akukho ungayivulayo; uYuda ufudusiwe ephela; ufudusiwe kanye.

20. Phakamisani amehlo enu, nibone abavela entla. Úphi na umhlambi obuwunikiwe, impahla yakho emfutshane entle?

21. Wòthini na, xa athe abo ke ùbaqhelise ukuba ngamakholwane akho, wabenza bangabaveleli, bayintloko kuwe? Ayiyi kukubamba na inimba, njengomfazi ozalayo?

22. Naxa uthe entliziyweni yakho, Kungani na ukuba ndifikelwe zezi zinto? ngobuninzi bobugwenxa bakho utyhilekile ingubo, zagonyamelwa izithende zakho.

23. UmKushi únokuluguqula na ulùsu lwakhe, nengwe inokuwaguqula na amabala ayo? ningába ke ninako ukulungisa nani, baqhelé ukwenza okubi.

24. Ndiya kuaphangalalisa ke, njengomququ ophephuka nomoya wentlango.

25. Liqashiso lakho elo, isabelo sakho esilinganiselweyo ndim, utsho uYehova; ngokuba ùndilibele, wakholosa ngobuxoki.

26. Nam ndiya kuyibhenqa ingubo yakho, ibe phezu kobuso bakho, kubonakale ukucukucezeka kwakho.

27. Ukukrexeza kwakho nokukhonya kwakho amanyala okuhenyuza kwakho ezindulini ezindle, ndiwabonile amazothe akho. Athi ke wena, Yerusalem! Akuyi kuhlambuluka, ingafanelana ingumzuzu ongakanani na.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 13