Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 11:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, lisithi,

2. Waveni amazwi alo mnqophiso, nithethe kumadoda akwaYuda, nakubemi baseYerusalem;

3. uthi kubo, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Mayiqalekiswe indoda engawevayo amazwi alo mnqophiso,

4. ndabawisela umthetho ngawo ooyihlo, mhla ndabakhuphayo ezweni laseYiputa, ezikweni lesinyithi; ndathi, Liphulaphuleni ilizwi lam, nenze ngako konke endiniwisela umthetho ngako: nòba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu;

5. ukuze ndisimise isifungo endasifungela ooyihlo, ukuba ndibanike ilizwe elibaleka amasi nobusi, njengoko kunjalo namhla. Ndaphendula mna, ndathi, Amen, Yehova.

6. Wathi uYehova kum, Wamemeze la mazwi onke emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem, uthi, Yivani amazwi alo mnqophiso, niwenze.

7. Ngokuba ndaqononondisa ndiqononondisa koyihlo, mhla ndabakhuphayo ezweni laseYiputa unanamhla, ndiqononondisa kwakusasa, ndisithi, Liphulaphuleni ilizwi lam.

8. Ke abevanga, abayithobanga indlebe yabo; báhamba elowo ngobungqola bentliziyo yakhe enobubi. Ndesuka ke ndazìsa phezu kwabo onke amazwi alo mnqophiso, ndabawisela umthetho ngawo, ukuba bawenze; àbawenza.

9. UYehova wathi kum, Kufunyenwe iyelenqe phakathi kwamadoda akwaYuda, naphakathi kwabemi baseYerusalem.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 11