Testamente Endala

Testamente Entsha

Urute 4:11-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Bathi bonke abantu abasesangweni namadoda amakhulu, Singamangqina. UYehova makamenze lo mfazi ungenayo endlwini yakho, abe njengoRakeli nanjengoLeya, abayakháyo indlu kaSirayeli bobabini, avelise amandla e-Efrata, akwenzele udumo eBhetelehem;

12. indlu yakho ibe njengendlu kaPeretse, awamzalayo uTamare kuYuda, ngembewu leyo aya kukunika uYehova ngale ntombazana.

13. UBhohazi wamzeka ke uRute waba ngumkakhe, wamngena; waza uYehova wamnika ukuzala; wazala unyana.

14. Bathi abafazi kuNahomi, Makabongwe uYehova ongakuyekelanga uswele umkhululi namhla; igama lakhe malivakale kwaSirayeli;

15. abe ngumbuyisi womphefumlo kuwe, nomnqaki wezimvi zakho; ngokuba umolokazana wakho okuthandayo, lowo ulungileyo kuwe ngaphezu koonyana abasixhenxe, úmzele.

16. UNahomi wamthabatha umntwana lowo, wambeka esifubeni sakhe, waba ngumondli wakhe.

17. Lwamthiya igama umelwanekazi, lwathi, UNahomi uzalelwe unyana, lwathi igama lakhe nguObhedi; yena nguyise kaYese, uyise kaDavide.

18. Yiyo le ke inzala kaPeretse: uPeretse wazala uHetseron;

19. uHetseron wazala uRam; uRam wazala uAminadabhi;

20. uAminadabhi wazala uNashon; uNashon wazala uSalemon;

funda isahluko epheleleyo Urute 4