Testamente Endala

Testamente Entsha

Urute 4:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku wenyuka uBhohazi, waya esangweni lomzi, wahlala khona; nanko egqitha umkhululi lowa abethetha yena uBhohazi; wathi, Wa, Nantsi, khawuphambukele apha, uhlale phantsi.

2. Waphambuka, wahlala. Wathabatha ishumi lamadoda kumadoda amakhulu omzi, wathi, Hlalani apha; ahlala ke.

3. Wathi kumkhululi lowo, Isahlulo somhlaba obungowomzalwana wethu uElimeleki, uthengisé ngaso uNahomi, obuye elizweni lakwaMowabhi;

4. ndathi ke mna, mandivule indlebe yakho, ndithi, Wuthenge ngaphambi kwaba bahleliyo apha, phambi kwamadoda amakhulu abantu bakowethu. Ukuba uyawukhulula ngentlawulelo, wukhulule ngentlawulelo; ukuba akuwukhululi ngentlawulelo, ndixelele ndazi; ngokuba akukho bani unokuwukhulula ngentlawulelo, ingenguwe; ndisemva kwakho mna. Wathi, Ndowukhulula ngentlawulelo mna.

5. Wathi uBhohazi, Mhlenikweni uwuzuzayo umhlaba esandleni sikaNahomi, uwuzuza nakuRute, umMowabhikazi, umkamfi, ukuba uvuse igama lomfi elifeni lakhe.

6. Wathi umkhululi lowo, Andinakuzikhululela ngentlawulelo ngokwam, hleze ndilonakalise elam ilifa. Zikhululele ngentlawulelo isilunga sam eso; ngokuba andinako mna ukuwukhulula ngentlawulelo.

7. Ke kaloku kwakusithiwa kudala kwaSirayeli, ukukhulula ngentlawulelo nokwanana, ukuze yonke into ibe iqiniselwe, ubani anyothule imbadada yakhe ayinike ummelwane wakhe; oko kwaye kububungqina kwaSirayeli.

8. Wathi umkhululi lowo kuBhohazi, Zithengele. Wanyothula imbadada yakhe.

funda isahluko epheleleyo Urute 4