Testamente Endala

Testamente Entsha

Urute 3:8-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Kwathi phakathi kobusuku, yothuka indoda leyo, yaguquka, yabona kulele inkazana ngasezinyaweni zayo.

9. Yathi, Ùngubani? Wathi, NdinguRute, umkhonzazana wakho; twabulula isondo lengubo yakho phezu komkhonzazana wakho, ngokuba ungumkhululi wena.

10. Yathi, Ùsikelelwe nguYehova, ntombi yam. Inceba yakho yamva nje ingaphezu kweyokuqala, ungalandelanga madodana nje, nokuba ngasweleyo nokuba nganobutyebi.

11. Kaloku ke, ntombi yam, musa ukoyika; konke okuthethileyo ndokwenzela; ngokuba bonke abantu bomzi wakowethu bayazi ukuba uyinkazana enesidima. Ewe!

12. Kuyinene, ndingumkhululi inyaniso. Ke kukho umkhululi osondeleyo kuwe kunam.

13. Lala ngobu busuku; kothi kusasa, ukuba úthe wakukhulula ngentlawulelo, kulunge, makakukhulule ngentlawulelo; ke ukuba akathanga akunanze ukukukhulula ngentlawulelo, ndokukhulula ngentlawulelo mna, ehleli nje uYehova. Lala kude kuse.

14. Walala ke ngasezinyaweni zakhe kwada kwasa; wavuka bengekanakanani abantu. Yathi, Makungàziwa ukuba bekuze inkazana esandéni.

15. Yathi, Ethe ingubo yakho yokwaleka, ukhongozele. Wakhongozela ke ngayo. Yalinganisa izilinganiso zerhasi ezithandathu, yamthwalisa; wagoduka.

funda isahluko epheleleyo Urute 3