Testamente Endala

Testamente Entsha

Urute 3:11-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Kaloku ke, ntombi yam, musa ukoyika; konke okuthethileyo ndokwenzela; ngokuba bonke abantu bomzi wakowethu bayazi ukuba uyinkazana enesidima. Ewe!

12. Kuyinene, ndingumkhululi inyaniso. Ke kukho umkhululi osondeleyo kuwe kunam.

13. Lala ngobu busuku; kothi kusasa, ukuba úthe wakukhulula ngentlawulelo, kulunge, makakukhulule ngentlawulelo; ke ukuba akathanga akunanze ukukukhulula ngentlawulelo, ndokukhulula ngentlawulelo mna, ehleli nje uYehova. Lala kude kuse.

14. Walala ke ngasezinyaweni zakhe kwada kwasa; wavuka bengekanakanani abantu. Yathi, Makungàziwa ukuba bekuze inkazana esandéni.

15. Yathi, Ethe ingubo yakho yokwaleka, ukhongozele. Wakhongozela ke ngayo. Yalinganisa izilinganiso zerhasi ezithandathu, yamthwalisa; wagoduka.

16. Waya kuninazala, wathi yena, Ùtheni, ntombi yam? Wamxelela konke emenzele khona indoda leyo.

17. Wathi, Indiniké ezi zilinganiso zerhasi; ngokuba yayisithi, Musa ukuya kunyokozala ulambatha.

18. Wathi, Hlala, ntombi yam, ude wazi okuya kuhla; kuba indoda leyo ayiyi kuphumla, ingakuphelisanga oku namhla.

funda isahluko epheleleyo Urute 3