Testamente Endala

Testamente Entsha

Urute 3:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathi uNahomi uninazala kuye, Ntombi yam, ndingàkufuneli na ukuphumla okokulungela?

2. Kaloku àkasihlobo sethu na uBhohazi, lowo umthinjana ubunawo? Nanko esela irhasi ngobu busuku esandéni.

3. Zihlambe, uthambise, unxibe iingubo zakho, uhle uye esandéni. Uze ungazazisi endodeni leyo, ide igqibe ukudla nokusela.

4. Wóthi, ukulala kwayo phantsi, uqonde indawo eye kulala kuyo, uye uyityhile ingubo ngasezinyaweni zayo, ulale phantsi; yókuxelela ke yona into owoyenza.

5. Wathi kuye, Yonke into oyithethayo ndoyenza.

6. Wehla ke waya esandéni, wenza ngako konke abemwisele umthetho ngako uninazala.

7. Wadla uBhohazi, wasela, yachwayitha intliziyo yakhe; waya walala phantsi ekupheleni kwentlaba. Waya ke ecotha, wamtyhila ingubo ngasezinyaweni zakhe, walala phantsi.

8. Kwathi phakathi kobusuku, yothuka indoda leyo, yaguquka, yabona kulele inkazana ngasezinyaweni zayo.

9. Yathi, Ùngubani? Wathi, NdinguRute, umkhonzazana wakho; twabulula isondo lengubo yakho phezu komkhonzazana wakho, ngokuba ungumkhululi wena.

10. Yathi, Ùsikelelwe nguYehova, ntombi yam. Inceba yakho yamva nje ingaphezu kweyokuqala, ungalandelanga madodana nje, nokuba ngasweleyo nokuba nganobutyebi.

funda isahluko epheleleyo Urute 3