Testamente Endala

Testamente Entsha

Urute 2:19-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Wathi uninazala kuye, Ubhikice phi na namhla? Ubusebenza phi na? Makasikelelwe okubukileyo wena. Wamxelela uninazala umntu abesebenza kuye, wathi, Igama lendoda endisebenze kuyo namhla nguBhohazi.

20. Wathi uNahomi kumolokazana wakhe, Makasikelelwe yena nguYehova, ongayekelelanga ukwenza inceba yakhe kwabaphilileyo nakwabafileyo. Wathi uNahomi kuye, Indoda leyo iyalamana nathi; ingowabakhululi bethu.

21. Wathi uRute umMowabhikazi, Kananjalo ithe yona kum, Uze unamathele kulutsha olulolwam, lude lulugqibe lonke uvuno olulolwam.

22. Wathi uNahomi kuRute umolokazana wakhe, Kulungile, ntombi yam, ukuba uphume nomthinjana wakhe, ukuze ungàfikelwa mntu ukwenye intsimi.

23. Wanamathela kumthinjana kaBhohazi, wabhikica, kwada kwagqitywa ukuvunwa kwerhasi nokuvunwa kwengqolowa; wahlala noninazala.

funda isahluko epheleleyo Urute 2