Testamente Endala

Testamente Entsha

Urute 2:12-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. UYehova makakubuyekeze ukwenza kwakho, uzaliseke umvuzo wakho ovela kuYehova uThixo kaSirayeli, ozé wazimela phantsi kwamaphiko akhe wena.

13. Wathi yena, Mandibabalwe nguwe, nkosi ngokuba busuku esandéni. Zihlambe, kuba uthethe kakuhle nomkhonzazana wakho, ndingèjengomnye wabakhonzazana bakho nje.

14. Wathi uBhohazi kuye, Ngexesha lokudla sondela apha, udle isonka, uncinde iviniga ngeqhekeza lakho. Wahlala phantsi ngasecaleni labavuni. Wamnika ikhweba; wadla, wahlutha, washiya.

15. Wesuka ke waya kubhikica; uBhohazi waluwisela umthetho ulutsha olulolwakhe, wathi, Makabhikice naphakathi kwezithungu, ningamdanisi;

16. nimrholele nokumrholela inxenye ezithungwini, nishiye, abhikice, ningamkhalimeli.

17. Wabhikica entsimini leyo kwada kwahlwa; wayibhula into abeyibhikicile, yanga yiefa* yerhasi.

18. Wathwala, waya ekhaya; wayibona uninazala into ayibhikicileyo; wakurhola, wamnika abekushiyile akuba ehluthi.

19. Wathi uninazala kuye, Ubhikice phi na namhla? Ubusebenza phi na? Makasikelelwe okubukileyo wena. Wamxelela uninazala umntu abesebenza kuye, wathi, Igama lendoda endisebenze kuyo namhla nguBhohazi.

20. Wathi uNahomi kumolokazana wakhe, Makasikelelwe yena nguYehova, ongayekelelanga ukwenza inceba yakhe kwabaphilileyo nakwabafileyo. Wathi uNahomi kuye, Indoda leyo iyalamana nathi; ingowabakhululi bethu.

21. Wathi uRute umMowabhikazi, Kananjalo ithe yona kum, Uze unamathele kulutsha olulolwam, lude lulugqibe lonke uvuno olulolwam.

22. Wathi uNahomi kuRute umolokazana wakhe, Kulungile, ntombi yam, ukuba uphume nomthinjana wakhe, ukuze ungàfikelwa mntu ukwenye intsimi.

23. Wanamathela kumthinjana kaBhohazi, wabhikica, kwada kwagqitywa ukuvunwa kwerhasi nokuvunwa kwengqolowa; wahlala noninazala.

funda isahluko epheleleyo Urute 2