Testamente Endala

Testamente Entsha

Urute 2:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uNahomi ebenesihlobo sendoda yakhe, indoda esisityebi emzalwaneni kaElimeleki; igama layo libe linguBhohazi.

2. Wathi uRute umMowabhikazi kuNahomi, Makhe ndiye entsimini, ndibhikice izikhwebu emva kwalowo ndiya kubabalwa nguye. Wathi kuye, Hamba, ntombi yam.

3. Wahamba waya, wabhikica entsimini emva kwabavuni. Ithamsanqa lakhe lawela phezu kwesahlulo sentsimi kaBhohazi, obengowomzalwane kaElimeleki.

4. Wathi gqi uBhohazi, evela eBhetelehem, wathi kubavuni, UYehova makabe nani. Bathi kuye, UYehova makakusikelele.

5. Wathi uBhohazi kwindodana yakhe ephethe abavuni, Yekabani na le nkazana?

6. Yaphendula indodana ephethe abavuni, yathi, Yinkazana engumMowabhikazi, efike noNahomi, bevela elizweni lakwaMowabhi;

funda isahluko epheleleyo Urute 2