Testamente Endala

Testamente Entsha

Uobhadiya 1:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Umbono kaObhadiya.Itshilo iNkosi uYehova ngokusingisele kwelakwaEdom, ukuthi, Sivé udaba oluvela kuYehova, kuthunywe isigidimi ezintlangeni sokuthi, Sukani nime, sisukele phezulu kulo, silwe nalo.

2. Yabonani, ndikwenzé wamncinane ezintlangeni, udelekile kakhulu.

3. Ukukhukhumala kwentliziyo yakho kukulukuhlile, wena uhleliyo emfanteni wengxondorha, okhaya liphezulu, othi entliziyweni yakhe, Ngubani na oya kundihlisela ehlabathini?

4. Ukuba ùthe wakhela phezulu njengexhalanga, nokuba ithe indlu yakho yabekwa phakathi kweenkwenkwezi, ndokuhlisa nalapho; utsho uYehova.

5. Ukuba amasela ebethe eza kuwe, ukuba amanyangaza ebethe eza ebusuku (hayi, ukunqunyulwa kwakho!), ebengayi kuba anele na? Ukuba babethe beza kuwe abavuni beediliya, babengayi kushiya okungàbhikicwayo na?

6. Hayi, ukuphengululeka kwezinto zakwaEsawu! Hayi ukukhanukwa kwezinto zakhe eziqhushekiweyo!

7. Onke amadoda abenqophisene nawe akukhaphile, ada esa emdeni; akulukuhlile, akweyisile amadoda abexolelene nawe. Isonka sakho asenze inxeba okulalwa ngalo, phantsi kwakho. Akukho kuqonda kuye.

8. Andiyi kuthi na ngaloo mini, utsho uYehova, ndizitshabalalise izilumko kwaEdom, neengqondi ezintabeni zakwaEsawu?

9. Aya kuqhiphuka umbilini amagorha akho, Teman, ukuze banqanyulwe bonke ezintabeni zakwaEsawu ngokubulawa.

10. Ngenxa yokumgonyamela kwakho umninawa wakho uYakobi, kuya kukugubungela ukudana, unqanyulwe ngonaphakade.

funda isahluko epheleleyo Uobhadiya 1