Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 9:13-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Wehla phezu kwentaba yeSinayi, wathetha nabo uvela emazulwini, wabanika amasiko athe tye, nemiyalelo eyinyaniso, nemimiselo, nemithetho elungileyo;

14. wabazisa isabatha yakho engcwele, wabamisela imithetho, nemimiselo, nomyalelo, ngesandla sikaMoses umkhonzi wakho.

15. Wabanika isonka sasezulwini ngenxa yokulamba kwabo, wabavelisela namanzi engxondorheni ngenxa yokunxanwa kwabo; wathi kubo, mabaye kulihlutha ilizwe, owabaphakamisela isandla sakho, ukuba wobanika lona.

16. Ke bona oobawo bakhukhumala, bazenza lukhuni iintamo zabo, àbayiphulaphula imithetho yakho.

17. Àbavuma ukuva, àbayikhumbula imisebenzi yakho ebalulekileyo, owayenzayo kubo. Bazenza lukhuni iintamo zabo, bamisa iintloko, ukuba babuyele ebukhobokeni babo ngeenkani zabo; wena wathi, kuba ùnguThixo wokuxolela, ubabala, unemfesane, uzeka kade umsindo, umninzi ngenceba, àkwabashiya.

18. Noko ke bazenzela ithole elingumfanekiso otyhidiweyo, bathi, Nguye lo uThixo wakho owakunyusayo eYiputa; bakugiba kakhulu.

19. Ke wena, ngeemfesane zakho ezinkulu, akubashiyanga entlango; umqulu welifu wokubakhokela ngendlela awumkanga kubo emini, nomqulu womlilo ebusuku wokubakhanyisela indlela abahamba ngayo.

20. Wabanika umoya wakho olungileyo, ukuba ubaqononondise; akuwuvimbanga umlomo wabo imana* yakho, wabanika amanzi ngenxa yenxano labo.

21. Iminyaka emashumi mané wabafunzela entlango, àbaswela nto; iingubo zabo azonakalanga bubudala, iinyawo zabo azidumbanga.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 9