Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 8:15-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. nokuthi mabavakalise, bahambise ilizwi emizini yabo yonke, naseYerusalem, lokuthi, Phumani niye ezintabeni, nize namahlamvu eminquma, namahlamvu eminquma yasendle, namahlamvu emimirtile,* namahlamvu esundu, namahlamvu emithi ethe shinyi, ukuze kwenziwe iminquba ngoko kubhaliweyo.

16. Baphuma abantu, bawàzisa, bazenzela iminquba, elowo phezu kwendlu yakhe, nasezintendelezweni zabo, nasezintendelezweni zendlu kaThixo, nasendaweni yembutho yesango lamanzi, nasendaweni yembutho yesango likaEfrayim.

17. Lonke ibandla elalibuye ekuthinjweni lenza iminquba, lahlala eminqubeni; ngokuba oonyana bakaSirayeli babengenzanga ngokunjalo kususela kwimihla kaYoshuwa unyana kaNun, kwada kwayiloo mini. Kwabakho ke uvuyo olukhulu kunene.

18. Kwaleswa encwadini yomyalelo kaThixo imihla ngemihla, kwathabathela kumhla wokuqala kwezisa kumhla wokugqibela. Benza umthendeleko imihla yasixhenxe; ngomhla wesibhozo yaba yingqungquthela ngokwesiko.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 8