Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 8:11-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. NabaLevi babebathuthuzela abantu bonke, besithi, Yithini tu; ngokuba le mini ingcwele; musani ukuba buhlungu.

12. Besuka bonke abantu, baya kudla, basela, bathuma izabelo, bavuya kakhulu; ngokuba bawaqonda amazwi ababewaxelelwa.

13. Ngomhla wesibini kwahlanganisana iintloko zezindlu zooyise zabantu bonke, nezababingeleli, nezabaLevi, zeza kuEzra umbhali ukuwaqiqa amazwi omyalelo.

14. Bafumana kubhaliwe emyalelweni, awawumiselayo uYehova ngoMoses, ukuthi, oonyana bakaSirayeli mabahlale eminqubeni ngomthendeleko wenyanga yesixhenxe;

15. nokuthi mabavakalise, bahambise ilizwi emizini yabo yonke, naseYerusalem, lokuthi, Phumani niye ezintabeni, nize namahlamvu eminquma, namahlamvu eminquma yasendle, namahlamvu emimirtile,* namahlamvu esundu, namahlamvu emithi ethe shinyi, ukuze kwenziwe iminquba ngoko kubhaliweyo.

16. Baphuma abantu, bawàzisa, bazenzela iminquba, elowo phezu kwendlu yakhe, nasezintendelezweni zabo, nasezintendelezweni zendlu kaThixo, nasendaweni yembutho yesango lamanzi, nasendaweni yembutho yesango likaEfrayim.

17. Lonke ibandla elalibuye ekuthinjweni lenza iminquba, lahlala eminqubeni; ngokuba oonyana bakaSirayeli babengenzanga ngokunjalo kususela kwimihla kaYoshuwa unyana kaNun, kwada kwayiloo mini. Kwabakho ke uvuyo olukhulu kunene.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 8