Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 7:4-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Umzi ububanzi ngeenxa zombini, umkhulu; abantu bembalwa phakathi kwawo, kungakhiwanga zindlu.

5. UThixo wam wangenisa entliziyweni yam, ukuba ndibabuthe abanumzana, nabaphathi, nabantu, ukuba ndibabhalele emilibeni yokuzalwa. Ndafumana incwadi yemilibo yokuzalwa kwâbo babenyuke ekuqaleni; ndafumana kubhaliwe khona kwathiwa:

6. Ngabo aba oonyana belizwe lakwaYuda, abanyukáyo kwabathinjiweyo basemfudusweni, awayebafudusile uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ábabuyela eYerusalem nakwaYuda, elowo wabuyela emzini wakowabo,

7. abeza noZerubhabheli, noYeshuwa, noNehemiya, noAzariya, noRahamiya, noNahamani, noMordekayi, noBhileshan, noMisperete, noBhigevayi, noNehum, noBhahana.Inani lamadoda, abantu bakwaSirayeli, yayileli:

8. oonyana bakaParoshe ibingamawaka amabini, anekhulu elinamanci asixhenxe anababini.

9. Oonyana bakaShefatiya ibingamakhulu amathathu, anamanci asixhenxe anababini.

10. Oonyana baka-Ara ibingamakhulu amathandathu, anamanci mahlanu anababini.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 7