Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 7:37-54 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Oonyana baseLodi neHadidi neOno ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mabini anamnye.

38. Oonyana baseSenaha ibingamawaka amathathu, anamakhulu asithoba, anamanci mathathu.

39. Ababingeleli: oonyana bakaYedaya, bendlu kaYeshuwa, ibingamakhulu asithoba, anamanci asixhenxe anabathathu.

40. Oonyana bakaImere ibiliwaka, elinamanci mahlanu anababini.

41. Oonyana bakaPashure ibiliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci mané anesixhenxe.

42. Oonyana bakaHarim ibiliwaka elinashumi linye linesixhenxe.

43. AbaLevi: oonyana bakaYeshuwa noKademiyeli, koonyana bakaHodeva, ibingamashumi asixhenxe anabané.

44. Iimvumi: oonyana baka-Asafu ibilikhulu, elinamanci mané anesibhozo.

45. Abamasango: oonyana bakaShalum, oonyana baka-Atere, oonyana bakaTalemon, oonyana baka-Akubhi, oonyana bakaHatita, oonyana bakaShobhayi, ibilikhulu, elinamanci mathathu anesibhozo.

46. Abakhonzi betempile: oonyana bakaTsiha, oonyana bakaHasufa, oonyana bakaTabhahoti,

47. oonyana bakaKerosi, oonyana bakaSiha, oonyana bakaPadon,

48. oonyana bakaLebhana, oonyana bakaHagabha, oonyana bakaSalemayi,

49. oonyana bakaHanan, oonyana bakaGidele, oonyana bakaGahare,

50. oonyana bakaRehaya, oonyana bakaRetsin, oonyana bakaNekoda,

51. oonyana bakaGazam, oonyana bakaUza, oonyana bakaPaseha,

52. oonyana bakaBhetsayi, oonyana bakaMehunim, oonyana bakaNefishesim,

53. oonyana bakaBhakebhuki, oonyana bakaHakufa, oonyana bakaHarehure,

54. oonyana bakaBhatseliti, oonyana bakaMehida, oonyana bakaHarsha,

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 7