Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 7:28-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Amadoda aseBhete-azemavete ibingamashumi amané anamabini.

29. Amadoda aseKiriyati-yeharim, neKefira, neBheroti ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mané anamathathu.

30. Amadoda aseRama neGabha ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini ananye.

31. Amadoda aseMikimas ibilikhulu, elinamanci mabini anamabini.

32. Amadoda aseBheteli neAyi ibilikhulu, elinamanci mabini anamathathu.

33. Amadoda enye iNebho ibingamashumi amahlanu anamabini.

34. Oonyana bomnye uElam ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mahlanu anabané.

35. Oonyana bakaHarim ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini.

36. Oonyana baseYeriko ibingamakhulu amathathu, anamanci mané anabahlanu.

37. Oonyana baseLodi neHadidi neOno ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mabini anamnye.

38. Oonyana baseSenaha ibingamawaka amathathu, anamakhulu asithoba, anamanci mathathu.

39. Ababingeleli: oonyana bakaYedaya, bendlu kaYeshuwa, ibingamakhulu asithoba, anamanci asixhenxe anabathathu.

40. Oonyana bakaImere ibiliwaka, elinamanci mahlanu anababini.

41. Oonyana bakaPashure ibiliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci mané anesixhenxe.

42. Oonyana bakaHarim ibiliwaka elinashumi linye linesixhenxe.

43. AbaLevi: oonyana bakaYeshuwa noKademiyeli, koonyana bakaHodeva, ibingamashumi asixhenxe anabané.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 7