Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 7:14-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Oonyana bakaZakayi ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathandathu.

15. Oonyana bakaBhinwi ibingamakhulu amathandathu, anamanci mané anesibhozo.

16. Oonyana bakaBhebhayi ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini anesibhozo.

17. Oonyana baka-Azegadi ibingamawaka amabini, anamakhulu mathathu, anamanci mabini anababini.

18. Oonyana baka-Adonikam ibingamakhulu amathandathu, anamanci mathandathu anesixhenxe.

19. Oonyana bakaBhigevayi ibingamawaka amabini, anamanci mathandathu anesixhenxe.

20. Oonyana baka-Adin ibingamakhulu amathandathu, anamanci mahlanu anabahlanu.

21. Oonyana baka-Atere kaHezekiya ibingamashumi asithoba anesibhozo.

22. Oonyana bakaHashum ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini anesibhozo.

23. Oonyana bakaBhetsayi ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini anabané.

24. Oonyana bakaHarifi ibilikhulu, elinashumi linye linababini.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 7