Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 5:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku kwabakho ukukhala okukhulu kwabantu nabafazi babo ngabazalwana babo amaYuda.

2. Bekukho ababesithi, Sibaninzi thina, oonyana bethu, neentombi zethu; masamkele ingqolowa, ukuze sidle, siphile.

3. Bekukho nababesithi, Amasimi ethu, nezidiliya zethu, nezindlu zethu, sibambisile ngazo; masamkele ingqolowa ngenxa yendlala.

4. Bekukho nababesithi, Siboleké imali yokurhafela ukumkani, ngokubambisa ngamasimi ethu nezidiliya zethu.

5. Kaloku inyama yethu ikwanjengenyama yabazalwana bethu, noonyana bethu bakwanjengoonyana babo; ukanti siyabanyanzela oonyana bethu neentombi zethu, ukuba babe ngamakhoboka; ezintombini zethu kukho nesezinyanzelwe; akukho mandla esandleni sethu, amasimi ethu nezidiliya zethu zizezabanye nje.

6. Wavutha ke kakhulu umsindo wam, ndakukuva ukukhala kwabo, naloo mazwi.

7. Ndafuna iqhinga entliziyweni yam, ndabambana nabanumzana nabaphathi, ndathi kubo, Niyadlana ngokuboleka. Ndabamisela ibandla elikhulu, ndathi kubo,

8. Thina, ngangoko sinako, sibathengile sabakhulula abazalwana bethu amaYuda, ebe kuthengiswe ngabo kwiintlanga. Niya kusuka ke nina nithengise na ngabazalwana benu, ukuze bathengise ngeziqu zabo kuthi?Bathi cwaka, àbafumana lizwi lakuphendula.

9. Ndathi, Ayilungile le nto niyenzayo; nibe ningafanele na ukuhamba ekoyikeni uThixo wethu, ngenxa yokungcikiva kweentlanga eziziintshaba zethu?

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 5