Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 4:6-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Salwakha ke udonga, lwadityaniswa lonke udonga, kwesa esiqingatheni sokuphakama kwalo. Abantu babenentliziyo yokusebenza.

7. Kwathi, akuva uSanebhalati, noTobhiya, nama-Arabhi, nama-Amon, nama-Ashdode, ukuba ziyenyuswa iindonga zeYerusalem; ukuba ziqaliwe, ziyavingcwa iintanda: wavutha umsindo wabo kunene.

8. Bacebisana kunye bonke bephela, ukuba beze kulwa neYerusalem, bayonakalise.

9. Sathandaza kuThixo wethu, samisa abokulinda imini nobusuku ngenxa yabo.

10. Athi amaYuda, Amandla abathwali bemithwalo ayetha, inkunkuma ininzi; thina asinakulwakha udonga.

11. Ababandezeli bethu abo babesithi, Akayi kwazi, akayi kubona, side singene phakathi kwawo, siwabulale, siwumise umsebenzi.

12. Kwathi, akuza amaYuda abehleli emacaleni abo, athetha kuthi izihlandlo zalishumi, ephuma ezindaweni zonke, esithi, Buyelani kuthi.

13. Ndesuka, ndamisa ezindaweni ezisezantsi emva kodonga, ezindaweni ezibalelelwa lilanga, ndamisa abantu ngokwemizalwane, benamakrele abo, nezikhali zabo, nezaphetha zabo.

14. Ndakhangela, ndasuka ndathi kubanumzana, nakubaphathi, nakwabanye abantu, Musani ukuboyika; khumbulani iNkosi enkulu eyoyikekayo, nilwele abazalwana benu, noonyana benu, neentombi zenu, nabafazi benu, nezindlu zenu.

15. Kwathi, zakuva iintshaba zethu ukuba siyazi thina, nokuba uThixo ulitshitshisile iqhinga lazo, sabuyela sonke siphela eludongeni, elowo emsebenzini wakhe.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 4