Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 3:19-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Ngakuye kwakulungiswa nguEzere unyana kaYeshuwa, umphathi weMizpa, esinye isithuba, malunga nendawo enyukayo ngasendlwini yezikrweqe ekujikeni.

20. Emva kwakhe kwazondelelwa kwalungiswa nguBharuki, unyana kaZabhayi, esinye isithuba; kwathabathela ekujikeni, kwesa emnyango wendlu kaEliyashibhi, umbingeleli omkhulu.

21. Emva kwakhe kwakulungiswa nguMeremoti, unyana kaUriya, unyana kaHakotsi, esinye isithuba; kwathabathela emnyango wendlu kaEliyashibhi, kwesa ekupheleni kwendlu kaEliyashibhi.

22. Emva kwakhe kwakulungiswa ngababingeleli, amadoda aloo mmandla.

23. Emva kwabo kwakulungiswa nguBhenjamin noHashubhi, malunga nendlu yabo. Emva kwabo kwakulungiswa nguAzariya, unyana kaMahaseya, unyana ka-Ananiya, ngasendlwini yakhe.

24. Emva kwakhe kwakulungiswa nguBhinwi unyana kaHenadade, esinye isithuba; kwathabathela endlwini ka-Azariya, kwesa ekujikeni, kwesa embombeni.

25. Kwakulungiswa nguPalali unyana kaUzayi, ethabathela malunga ekujikeni, nasenqabeni ephezulu, edulusele endlwini yokumkani, ngasentendelezweni yentolongo. Emva kwakhe kwakulungiswa nguPedaya unyana kaParoshe.

26. (Ke kaloku abakhonzi betempile babehlala eOfele, besa malunga nesango lamanzi empumalanga, nenqaba ende edulusele ngaphandle.)

27. Emva kwakhe kwakulungiswa ngabaseTekowa, esinye isithuba; bethabathela malungana nenqaba enkulu endulusele ngaphandle, besa eludongeni lweOfele.

28. Ngentla kwesango lamahashe kwakulungiswa ngababingeleli, elowo nalowo malunga nendlu yakhe.

29. Emva kwabo kwakulungiswa nguTsadoki, unyana kaImere, malunga nendlu yakhe; emva kwakhe kulungiswa nguShemaya unyana kaShekaniya, umgcini wesango langasempumalanga.

30. Emva kwakhe kwakulungiswa nguHananiya unyana kaShelemiya, noHanun unyana wesithandathu kaTsalafi, esinye isithuba. Emva kwakhe kwakulungiswa nguMeshulam unyana kaBherekiya, malunga negumbi lakhe.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 3