Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 13:20-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Abarhwebi, nabathengisa ngeento zonke zentengiso, babelala ngaphandle kweYesusalem kanye nokuba kukabini.

21. Ndaqononondisa kubo, ndathi kubo, Yini na ukuba nilale phambi kodonga? Ukuba nithe naphinda, ndonisa isandla. Kususela kwelo xesha àbabanga seza ngesabetha.

22. Ndathi kubaLevi mabazihlambulule, beze bagcine amasango, ukuze kungcwaliswe umhla wesabatha.Ndíkhumbulele nangale nto, Thixo wam, ube nenceba kum ngokobuninzi benceba yakho.

23. Kananjalo ngaloo mihla ndawabona amaYuda abezeké abafazi abangama-Ashdodekazi, nama-Amonikazi, namaMowabhikazi,

24. oonyana babo inxenye bethetha ngesiAshdode, bengenakuqonda ukuthetha ngesiYuda, bethetha ngokwentetho yezizwe ngezizwe.

25. Ndabambana nawo, ndawatshabhisa, ndabetha amadoda kuwo, ndawadlathula iinwele, ndawafungisa uThixo ngokuthi, Inene, iintombi zenu aniyi kuzendisela koonyana babo, neentombi zabo aniyi kuzizekela oonyana benu, aniyi kuzizeka nani ngokwenu.

26. Wayengoné ngenxa yabo yini na uSolomon, ukumkani wamaSirayeli? Ezintlangeni ezininzi kwakungekho kumkani unjengaye: ubethandwa nguThixo wakhe, uThixo wamnika ukuba ngukumkani wamaSirayeli onke; naye lowo bamonisa abafazi bezinye iintlanga.

27. Makuvakale ngáni na, ukuba nenzé bonke obu bubi bukhulu, bokwenza ubumenemene kuThixo wethu, ngokuzeka abafazi bezinye iintlanga?

28. Ke kaloku koonyana bakaYoyada, unyana kaEliyashibhi, umbingeleli omkhulu, bekukho kubo ongumyeni kwaSanebhalati waseHoron; ndamgxotha ke kum.

29. Bákhumbule, Thixo wam, ngenxa yokuhlambela kwabo ububingeleli, nomnqophiso wobubingeleli, nowobuLevi.

30. Ndawahlambuluka ke ezintweni zonke zezinye iintlanga, ndazimisa izigxina zababingeleli nezabaLevi, zomntu ngomntu emsebenzini wakhe,

31. nezomsondezo weenkuni ngamaxesha amisiweyo, nezeentlahlela.Ndíkhumbulele okulungileyo, Thixo wam.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 13