Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 13:14-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ndíkhumbule, Thixo wam, ngenxa yoko; musa ukuzicima iinceba zam, endizenzileyo endlwini kaThixo wam, nasezigxineni zayo.

15. Ngaloo mihla ndabona kwaYuda abaxovula ezixovulelweni zewayini ngesabatha, nabathutha amasinde, abathwalisa amaesile; kwanewayini, neediliya, namakhiwane, nemithwalo yonke, beyizisa eYerusalem ngemini yesabatha; ndaqononondisa ngaloo mini bathengisa ngokudla ngayo.

16. Kwakuhleli khona nabaseTire, bezisé iintlanzi neento zonke zentengiso; bethengisa ngesabatha koonyana bakaYuda eYerusalem.

17. Ndabambana nabanumzana bakwaYuda, ndathi kubo, Yintoni na le nto imbi kangaka niyenzayo, niwuhlambelayo umhla wesabatha?

18. Babengènjenalo na ooyihlo, waza uThixo wethu wasifikisela thina nalo mzi bonke obo bubi? Ke nina nongeza ukuvutha komsindo kuSirayeli, niyihlambela nje isabatha.

19. Bekusithi, kwakuba lungcwalazi phakathi kwamasango aseYerusalem phambi kwesabatha, ndithi mazivalwe iingcango; ndithi mazingàvulwa ide igqithe isabatha. Ndamisa inxenye yamadodana akwam emasangweni, ukuze kungàngeniswa mthwalo ngemini yesabatha.

20. Abarhwebi, nabathengisa ngeento zonke zentengiso, babelala ngaphandle kweYesusalem kanye nokuba kukabini.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 13