Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 13:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngaloo mini kwaleswa encwadini kaMoses ezindlebeni zabantu; kwafunyanwa kubhaliwe kuyo ukuthi, Ama-Amon namaMowabhi makangangeni ebandleni likaThixo naphakade;

2. ngokuba engàbakhawulelanga oonyana bakaSirayeli enesonka namanzi; esuka abaqeshela uBhileham, ukuba abaqalekise; ke uThixo wethu wayiguqula ingqalekiso yaba yintsikelelo.

3. Kwathi bakuva umyalelo lowo, bawahlula wonke umxube kumaSirayeli.

4. Ke kaloku phambi koko, uEliyashibhi umbingeleli, obemiswe phezu kwamagumbi endlu kaThixo wethu, wazalamanisa noTobhiya,

5. wamenzela igumbi elikhulu, apho bekufudula kubekwa khona umnikelo wokudla, nentlaka emhlophe, nempahla, nezishumi zengqolowa, nezewayini entsha, nezeoli, ezibe zimiselwe abaLevi neemvumi nabamasango; nemirhumo yababingeleli.

6. Ekwenzekeni oko konke bendingekho eYerusalem; ngokuba, ngomnyaka wamashumi amathathu anesibini ka-Artashashta ukumkani waseBhabheli, ndaya kukumkani ekupheleni kwemihla, ndacela kukumkani ukuba ndibuye.

7. Ndafika ke eYerusalem, ndabugqala ububi abebenzile uEliyashibhi ngenxa kaTobhiya, ngokumenzela kwakhe igumbi ezintendelezweni zendlu kaThixo.

8. Kwaba kubi kum kakhulu; ndazilahlela phandle zonke iimpahla zendlu kaTobhiya ngaphandle kwegumbi.

9. Ndatsho, bawahlambulula amagumbi; ndazibuyisela khona iimpahla zendlu kaThixo, umnikelo wokudla, nentlaka emhlophe.

10. Ndazi ukuba izabelo zabaLevi abazinikwanga; ngokuba abaLevi neemvumi, ababesebenza umsebenzi, babebalekele elowo emhlabeni wakhe.

11. Ndabambana nabaphathi, ndathi, Yini na ukuba indlu kaThixo ishiywe nje? Ndababutha, ndabamisa esikhundleni sabo.

12. Aza onke amaYuda azisa izishumi zengqolowa, nezewayini entsha, nezeoli, koovimba.

13. Ndamisa phezu koovimba uShelemiya umbingeleli, noTsadoki umbhali, noPedaya kubaLevi; naphantsi kwezandla zabo yanguHanan unyana kaZakure, unyana kaMataniya; ngokuba bekusithiwa banyanisekile; bamiselwa ukwabela abazalwana babo.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 13