Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 12:41-47 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

41. nababingeleli, ooEliyakim, noMahaseya, noMinyamin, noMikaya, noEliyohenayi, noZekariya, noHananiya, benamaxilongo;

42. noMahaseya, noShemaya, noEleyazare, noUzi, noYohanan, noMalekiya, noElam, noEzere. Iimvumi zavuma kakhulu, uYezeraya engumphathi wazo.

43. Babingelela ngaloo mini imibingelelo emikhulu, bavuya; ngokuba uThixo ubebavuyisile ngovuyo olukhulu. Kananjalo abafazi nabantwana bavuya; kwavakala ukuvuya kweYerusalem namgama.

44. Ngaloo mini kwamiswa amadoda okuphatha amagumbi okuba ngoovimba bemirhumo, neentlahlela, nezishumi, ukuba zifunjwe kuwo, ngokwemihlaba yemizi, izabelo ezimiselwe ababingeleli nabaLevi ngomyalelo; ngokuba amaYuda abevuya ngababingeleli nangabaLevi abemiyo.

45. Basigcina isigxina sikaThixo wabo, nesigxina sentlambululo; zenjenjalo iimvumi nabamasango, ngokomthetho kaDavide, noSolomon unyana wakhe;

46. ngokuba ngemihla kaDavide, kwakudala, uAsafu ubeyintloko yeemvumi, neyokudumisa uThixo, neyokubulela kuye.

47. Onke amaSirayeli, ngemihla kaZerubhabheli nangemihla kaNehemiya, abe ezinika iimvumi nabamasango izabelo, into yemini ngangemini yayo, engcwalisela abaLevi, abaLevi bengcwalisela oonyana baka-Aron.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 12