Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 12:28-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Bahlanganisana oonyana beemvumi, bevela kuloo mmandla ujikeleze iYerusalem, nasemizini yamaNetofa;

29. naseBhete yaseGiligali, nasemihlabeni yaseGebha, neAzemavete; ngokuba iimvumi zazizakhele imizi ejikeleze iYerusalem.

30. Bazihlambulula ababingeleli nabaLevi, bahlambulula abantu, namasango, nodonga olo.

31. Ndabanyusa abathetheli bakwaYuda phezu kodonga, ndamisa amaqela amakhulu amabini okubulela, enza imityino, elinye lasinga ekunene phezu kodonga esangweni lenkunkuma.

32. Emva kwalo kwahamba uHoshaya nesiqingatha sabathetheli bakwaYuda,

33. noAzariya, noEzra, noMeshulam,

34. noYuda, noBhenjamin, noShemaya, noYeremiya.

35. Koonyana bababingeleli benamaxilongo yayinguZekariya unyana kaYonatan, unyana kaShemaya, unyana kaMataniya, unyana kaMikaya, unyana kaZakure, unyana ka-Asafu;

36. nabazalwana bakhe: ooShemaya, noAzareli, noMilalayi, noGilalayi, noMahayi, noNataniyeli, noYuda, noHanani, beneempahla zokuvuma zikaDavide umfo wakwaThixo; ke uEzra umbhali ebephambi kwabo.

37. Basinga esangweni lomthombo, bathi ngqo, benyuka ngezinyuko zomzi kaDavide, ekunyukeni kodonga bayongamela indlu kaDavide, besa esangweni lamanzi ngasempumalanga.

38. Iqela lesibini lokubulela elahamba malunga nelo, ndingasemva kwalo, ndinesinye isiqingatha sabantu, lahamba phezu kodonga, layongamela inqaba ende yamaziko, lesa eludongeni olubanzi;

39. lasongamela isango lakwaEfrayim, nesango lodonga oludala, nesango leentlanzi, nenqaba ende kaHananeli, nenqaba ende kaHameha, lada leza esangweni lempahla emfutshane, bamisa esangweni lentolongo.

40. Ema ke omabini amaqela okubulela endlwini kaThixo, mna ndinesiqingatha sabaphathi;

41. nababingeleli, ooEliyakim, noMahaseya, noMinyamin, noMikaya, noEliyohenayi, noZekariya, noHananiya, benamaxilongo;

42. noMahaseya, noShemaya, noEleyazare, noUzi, noYohanan, noMalekiya, noElam, noEzere. Iimvumi zavuma kakhulu, uYezeraya engumphathi wazo.

43. Babingelela ngaloo mini imibingelelo emikhulu, bavuya; ngokuba uThixo ubebavuyisile ngovuyo olukhulu. Kananjalo abafazi nabantwana bavuya; kwavakala ukuvuya kweYerusalem namgama.

44. Ngaloo mini kwamiswa amadoda okuphatha amagumbi okuba ngoovimba bemirhumo, neentlahlela, nezishumi, ukuba zifunjwe kuwo, ngokwemihlaba yemizi, izabelo ezimiselwe ababingeleli nabaLevi ngomyalelo; ngokuba amaYuda abevuya ngababingeleli nangabaLevi abemiyo.

45. Basigcina isigxina sikaThixo wabo, nesigxina sentlambululo; zenjenjalo iimvumi nabamasango, ngokomthetho kaDavide, noSolomon unyana wakhe;

46. ngokuba ngemihla kaDavide, kwakudala, uAsafu ubeyintloko yeemvumi, neyokudumisa uThixo, neyokubulela kuye.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 12