Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 12:27-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Ke kaloku ekusungulweni kodonga lweYerusalem kwafunwa abaLevi ezindaweni zabo zonke, ukuba baziswe eYerusalem, ukuba ukusungulwa kwalo kwenziwe ngovuyo, nangemibulelo, nangeengoma, nangamacangci, nangemirhubhe, nangeehadi.

28. Bahlanganisana oonyana beemvumi, bevela kuloo mmandla ujikeleze iYerusalem, nasemizini yamaNetofa;

29. naseBhete yaseGiligali, nasemihlabeni yaseGebha, neAzemavete; ngokuba iimvumi zazizakhele imizi ejikeleze iYerusalem.

30. Bazihlambulula ababingeleli nabaLevi, bahlambulula abantu, namasango, nodonga olo.

31. Ndabanyusa abathetheli bakwaYuda phezu kodonga, ndamisa amaqela amakhulu amabini okubulela, enza imityino, elinye lasinga ekunene phezu kodonga esangweni lenkunkuma.

32. Emva kwalo kwahamba uHoshaya nesiqingatha sabathetheli bakwaYuda,

33. noAzariya, noEzra, noMeshulam,

34. noYuda, noBhenjamin, noShemaya, noYeremiya.

35. Koonyana bababingeleli benamaxilongo yayinguZekariya unyana kaYonatan, unyana kaShemaya, unyana kaMataniya, unyana kaMikaya, unyana kaZakure, unyana ka-Asafu;

36. nabazalwana bakhe: ooShemaya, noAzareli, noMilalayi, noGilalayi, noMahayi, noNataniyeli, noYuda, noHanani, beneempahla zokuvuma zikaDavide umfo wakwaThixo; ke uEzra umbhali ebephambi kwabo.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 12