18. okaBhilega inguShamuwa; okaShemaya inguYonatan;
19. okaYoyaribhi inguMatenayi; okaYedaya ingu-Uzi;
20. okaSalayi inguKalayi; oka-Amoki inguEbhere;
21. okaHilekiya inguHashabhiya; okaYedaya inguNataniyeli.
22. Malunga nabaLevi, ngemihla kaEliyashibhi, noYoyada, noYohanan, noYaduwa, kwabhalwa iintloko zezindlu zooyise; nezababingeleli, ebukumkanini bukaDariyo umPersi.
23. Oonyana bakaLevi, iintloko zezindlu zooyise, babebhalwa encwadini yemicimbi yemihla, kwada kweza nasemihleni kaYohanan unyana kaEliyashibhi.
24. Ke iintloko zabaLevi: ibinguHashabhiya, noSherebhiya, noYeshuwa unyana kaKademiyeli, nabazalwana babo malungana nabo, ukuba badumise, babulele, ngokomthetho kaDavide umfo wakwaThixo, iqela lilunge neqela; inguMataniya, noBhakebhukiya, no-Obhadiya.
25. OoMeshulam, noTalemon, noAkubhi babengabamasango, begcina isigxina koovimba bamasango.