11. uYoyada wazala uYonatan; uYonatan wazala uYaduwa.
12. Ke emihleni kaYoyakim bekukho ababingeleli abaziintloko zezindlu zooyise: okaSeraya inguMeraya; okaYeremiya inguHananiya;
13. okaEzra inguMeshulam; oka-Amariya inguYohanan;
14. okaMeliku inguYonatan; okaShebhaniya inguYosefu;
15. okaHarim inguAdena; okaMerayoti inguHelekayi;
16. okaIdo inguZekariya; okaGineton inguMeshulam;
17. oka-Abhiya inguZikri; okaMinyamin, okaMowadiya inguPiletayi;
18. okaBhilega inguShamuwa; okaShemaya inguYonatan;
19. okaYoyaribhi inguMatenayi; okaYedaya ingu-Uzi;
20. okaSalayi inguKalayi; oka-Amoki inguEbhere;
21. okaHilekiya inguHashabhiya; okaYedaya inguNataniyeli.
22. Malunga nabaLevi, ngemihla kaEliyashibhi, noYoyada, noYohanan, noYaduwa, kwabhalwa iintloko zezindlu zooyise; nezababingeleli, ebukumkanini bukaDariyo umPersi.
23. Oonyana bakaLevi, iintloko zezindlu zooyise, babebhalwa encwadini yemicimbi yemihla, kwada kweza nasemihleni kaYohanan unyana kaEliyashibhi.
24. Ke iintloko zabaLevi: ibinguHashabhiya, noSherebhiya, noYeshuwa unyana kaKademiyeli, nabazalwana babo malungana nabo, ukuba badumise, babulele, ngokomthetho kaDavide umfo wakwaThixo, iqela lilunge neqela; inguMataniya, noBhakebhukiya, no-Obhadiya.
25. OoMeshulam, noTalemon, noAkubhi babengabamasango, begcina isigxina koovimba bamasango.
26. Abo babekho emihleni kaYoyakim unyana kaYeshuwa, unyana kaYotsadaki, nasemihleni kaNehemiya ibamba, noEzra umbingeleli, umbhali.