Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 11:8-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Emva kwakhe ibinguGabhayi-salayi, enamakhulu asithoba, anamanci mabini anesibhozo;

9. noYoweli unyana kaZikri, umphathi kubo, noYuda unyana kaSenwa, engowesibini kubaphathi bomzi.

10. Kubabingeleli: ibinguYedaya unyana kaYoyaribhi, noYakin,

11. noSeraya, unyana kaHilekiya, unyana kaMeshulam, unyana kaTsadoki, unyana kaMerayoti, unyana ka-Ahitubhi, ingànga yendlu kaThixo,

12. nabazalwana babo ababesenza umsebenzi wendlu, bengamakhulu asibhozo, anamanci mabini anababini; noAdaya unyana kaYeroham, unyana kaPelaleya, unyana ka-Amtsi, unyana kaZekariya, unyana kaPashure, unyana kaMalekiya,

13. nabazalwana bakhe, iintloko zezindlu zooyise, bengamakhulu amabini, anamanci mané anababini; noAmashesayi, unyana ka-Azareli, unyana ka-Azayi, unyana kaMeshilemoti, unyana kaImere;

14. nabazalwana babo, amagorha anobukroti, belikhulu elinamanci mabini anesibhozo; umphathi kubo ibinguZabhediyeli unyana kaGedolim.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 11