Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 11:6-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Bonke oonyana bakaPeretse, ababehlala eYerusalem, ibingamakhulu amané, anamanci mathandathu anesibhozo, amadoda anobukroti.

7. Ngabo aba oonyana bakaBhenjamin: ibinguSalu, unyana kaMeshulam, unyana kaYohedi, unyana kaPedaya, unyana kaKolaya, unyana kaMahaseya, unyana kaItiyeli, unyana kaYesaya.

8. Emva kwakhe ibinguGabhayi-salayi, enamakhulu asithoba, anamanci mabini anesibhozo;

9. noYoweli unyana kaZikri, umphathi kubo, noYuda unyana kaSenwa, engowesibini kubaphathi bomzi.

10. Kubabingeleli: ibinguYedaya unyana kaYoyaribhi, noYakin,

11. noSeraya, unyana kaHilekiya, unyana kaMeshulam, unyana kaTsadoki, unyana kaMerayoti, unyana ka-Ahitubhi, ingànga yendlu kaThixo,

12. nabazalwana babo ababesenza umsebenzi wendlu, bengamakhulu asibhozo, anamanci mabini anababini; noAdaya unyana kaYeroham, unyana kaPelaleya, unyana ka-Amtsi, unyana kaZekariya, unyana kaPashure, unyana kaMalekiya,

13. nabazalwana bakhe, iintloko zezindlu zooyise, bengamakhulu amabini, anamanci mané anababini; noAmashesayi, unyana ka-Azareli, unyana ka-Azayi, unyana kaMeshilemoti, unyana kaImere;

14. nabazalwana babo, amagorha anobukroti, belikhulu elinamanci mabini anesibhozo; umphathi kubo ibinguZabhediyeli unyana kaGedolim.

15. KubaLevi: ibinguShemaya unyana kaHashubhi, unyana ka-Azarikam, unyana kaHashabhiya, unyana kaBhuni, noShabhetayi,

16. noYozabhadi, ababephethe umsebenzi ongaphandle wendlu kaThixo, kwiintloko zabaLevi;

17. noMataniya unyana kaMika, unyana kaZabhedi, unyana ka-Asafu, obengumhlabeli wezokudumisa emthandazweni, noBhakebhukiya, obengowesibini kubazalwana bakhe, noAbheda, unyana kaShamuwa, unyana kaGalali, unyana kaYedutun.

18. Bebonke abaLevi emzini ongcwele babengamakhulu amabini, anamanci asibhozo anabané.

19. Abamasango: ibinguAkubhi, noTalemon, nabazalwana babo abagcina amasango, belikhulu elinamanci asixhenxe anababini.

20. Amanye amaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi, babekweminye imizi yonke yakwaYuda, elowo eselifeni lakhe.

21. Ke abakhonzi betempile babehlala eOfele; abakhonzi abo betempile babephethwe nguTsiha noGishpa.

22. Umphathi wabaLevi eYerusalem ibingu-Uziunyana kaBhani, unyana kaHashabhiya, unyana kaMataniya, unyana kaMika koonyana baka-Asafu, iimvumi, malunga nomsebenzi wendlu kaThixo.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 11