Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 11:22-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Umphathi wabaLevi eYerusalem ibingu-Uziunyana kaBhani, unyana kaHashabhiya, unyana kaMataniya, unyana kaMika koonyana baka-Asafu, iimvumi, malunga nomsebenzi wendlu kaThixo.

23. Ngokuba umthetho wokumkani ubuphezu kwabo, nomnqophiso wenene ubuphezu keemvumi malunga nento yemini ngangemini yayo.

24. UPetaya unyana kaMeshezabheli, koonyana bakaZera, unyana kaYuda, ubesisandla sokumkani ezintweni zonke zabantu.

25. Emizini nasemaphandleni ayo kwahlala inxenye yoonyana bakaYuda eKiriyati ka-Arbha namagxamesi ayo, naseDibhon namagxamesi ayo, naseKabhetseli nemizi yayo,

26. naseYeshuwa, naseMolada, naseBhete-palete,

27. naseHatsore-shuwali, naseBher-shebha namagxamesi ayo,

28. naseTsikelage, naseMekona namagxamesi ayo,

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 11