Testamente Endala

Testamente Entsha

Unahum 3:17-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Abalúluhle bakho banjengeenkumbi ezandayo, abathetheli bakho banjengemiqikela, ngemiqikela yeenkumbi, ezilalisa ezintangweni mhla ngengqele; lithi lingaphuma ilanga, zibaleke zimke, ingazeki indawo yazo, ukuba ziphi na.

18. Balele abalusi bakho, kumkani Asiriya; zilele phantsi iingangamsha zakho; bathe phangalala abantu bakho ezintabeni, akukho ubabuthayo.

19. Àkuhlangani ukwaphuka kwakho; inxeba lakho lelibulalayo. Bonke abazivayo iindaba zakho babetha izandla ngawe; ngokuba ngubani na ezingadlulanga phezu kwakhe izinto zakho ezimbi ngamaxesha onke?

funda isahluko epheleleyo Unahum 3