1. Yeha, umzi wamagazi! Úzele kwaphela luhanahaniso nakukudlavula; akumki kuwo ukuqwenga.
2. Isithonga seziniya, nesithonga sokugoqoza kweevili, nokuphala kwamahashe, nokuxhuma kweenqwelo zokulwa;
3. abamahashe besenza amagqasi, ukubengezela kwamakrele, nokumenyezela kwezikhali; ukuba baninzi ababuleweyo, izigigaba zabafileyo; ewe, azinakuphela izidumbu; bayakhubeka ezidumbini zabo;
4. ngenxa yobuninzi bezihenyuzo zehenyukazi elihle, elinesoya, umnikazi-kukhafula, othengisa iintlanga ngezihenyuzo zakhe, nemizalwane ngokukhafula kwakhe.
5. Uthi uYehova wemikhosi, Yabona, ndikuchasile; ndozityhila iingubo zakho, ndiziphose phezu kobuso bakho, ndizibonise iintlanga ubuzé bakho; ndizibonise izikumkani ukucukucezwa kwakho.
6. Ndiya kukugalela ngezinto ezinezothe, ndikwenze inqambi, ndikwenze ube njengento ebonelwayo.
7. Kuya kuthi, bonke abakubonayo bakubaleke, bathi, INineve ibhuqekile; ngubani na oya kuyikhuza? ndokufunela phi na abathuthuzeli?
8. Ùyidlule ngokulunga yini na iNoka-Amon, eyamisa emijelweni yoMnayile, amanzi engeenxa zonke kuyo; elungqameko lwayo ibilulwandle, udonga lwayo lululwandle?
9. Ayengamandla ayo amaKushi kwanamaYiputa, engenakuphela ndawo ke; amaPuti namaLubhi avengabancedisi bayo.
10. Nayo ke leyo yafuduswa, yathinjwa, neentsana zayo zacunyuzwa ezimbonjeni zezitrato zonke; amadoda azukileyo kuyo bawenzela amaqashiso; bonke abakhulu kuyo babakhonkxa ngemixokelelwane.
11. Nawe lo ùya kunxila, ùya kufihlakala; nawe lo ùya kufuna igwiba ngenxa yotshaba.
12. Zonke iinqaba zakho ziyimikhiwane enamakhiwane aqalelayo; ukuba avuthululwe, owá emlonyeni wowadlayo.