Testamente Endala

Testamente Entsha

Unahum 2:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kunyuké umhlekezi, weza phambi kwakho, Nineve; londoloza inqaba yakho, bonisela endleleni, qinisa izinqe, khupha amandla kunene.

2. Ngokuba uYehova ulibuyele iqhayiya lakwaYakobi ngokweqhayiya lakwaSirayeli; ngokuba abathi qongqololo bathe qongqololo; bawonakalisile amasebe abo emidiliya.

3. Ingweletshetshe yamagorha akhe yenziwe ingqombela, amadoda anobukroti athiwe wambu ngezibomvu; iinqwelo zokulwa zinomlilo ophuma ezintsimbini ngemini yokuxhoba kwakhe, izinto zemisipres* ziyatyityimba.

4. Iinqwelo zokulwa ziyadlongozela ezitratweni, ziyagilana emabaleni; ukubonakala kwazo kunjengezikhuni ezitshangaziswayo, zibaleka njengemibane.

5. Úkhumbulé iingangamsha zakhe; ziya kukhubeka ekuhambeni kwazo; zingxamela eludongeni lwayo, selimisiwe ikhuselo.

6. Amasango àsemilanjeni avuliwe, linyibilikile ibhotwe.

funda isahluko epheleleyo Unahum 2