Testamente Endala

Testamente Entsha

Umika 5:3-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ngako oko úya kubanikela kude kube lixesha lokuzala kozalayo, ade abuye amasalela abazalwana bakhe, kunye noonyana bakaSirayeli;

4. úya kuma, aluse enamandla kaYehova, enobungangamsha begama likaYehova uThixo wakhe; bahlale; ngokuba ngoku úya kuba mkhulu, ese eziphelweni zehlabathi.

5. Wóba luxolo lowo. Xa uAsiriya azileyo ezweni lakowethu, xa anyathelayo ezingxandeni zethu ezinde, siya kumisela abalusi abasixhenxe, neenkosi zabantu ezisibhozo, zimelane naye.

6. Baya kulalúsa ilizwe laseAsiriya ngekrele, nelizwe lakwaNimrodi emasangweni alo; asihlangule kuma-Asiriya, xa azileyo ezweni lakowethu, xa anyathelayo emideni yethu.

funda isahluko epheleleyo Umika 5