Testamente Endala

Testamente Entsha

Umika 4:7-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. ndibenze abaqhwalelayo babe ngamasalela, nabakhweleliselwa kùde babe luhlanga olunamandla, uYehova abe ngukumkani kubo entabeni yeZiyon, kususela ngoku kude kuse ephakadeni.

8. Wena ke, nqaba ende yomhlambi, nduli yentombi enguZiyon, luya kuza lufikelele kuwe olwangaphambili ulawulo, lokuba bubukumkani bentombi enguYerusalem.

9. Ngokunje ùkhalelani na ngoku kukhala? Akakho na ukumkani kuwe? Umcebisi wakho ubhubhile na, ukuba ubanjwe nje kukuzibhijabhija, njengozalayo?

10. Zibhijabhije, ubhanyalaze njengozalayo, ntombi inguZiyon; ngokuba ngoku ùya kuphuma phakathi komzi, uhlale endle, ude uye eBhabheli; ùya kuhlangulwa khona; úya kukukhulula khona uYehova esandleni seentshaba zakho.

11. Ngoku ke kuhlanganisene iintlanga ezininzi ngawe, zisithi, Mayihlanjelwe, ayibone amehlo ethu iZiyon.

12. Ke zona ezi azizazi iingcinga zikaYehova, aziliqondi icebo lakhe; kuba uzibuthile njengezithungu zesandá.

13. Suk' ume, ubhule, ntombi inguZiyon, kuba uphondo lwakho ndilwenza isinyithi, neempuphu zakho ndizenza ubhedu. Ùya kucola iintlanga ezininzi, uyisingele phantsi kuYehova inzuzo yazo embi, ubusingele phantsi kwiNkosi yehlabathi lonke ubutyebi bazo.

funda isahluko epheleleyo Umika 4