Testamente Endala

Testamente Entsha

Umika 4:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, ekupheleni kwemihla, intaba yendlu kaYehova iya kuzinza encotsheni yazo iintaba, yona iziphakamele iinduli, zibe ngumsinga izizwe ukuya kuyo.

2. Ziya kuhamba iintlanga ezininzi, zithi, Hambani, sinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini yoThixo kaYakobi, ukuze asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe; kuba uya kuphuma eZiyon umyalelo, nelizwi likaYehova eYerusalem.

3. Úya kugweba phakathi kwezizwe ezininzi, ohlwaye iintlanga ezinamandla, ade ase kùde; ziwakhande, amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zokuthena imidiliya. Uhlanga aluyi kuphakamisela kuhlanga ikrele lalo, bangabi safunda ukulwa.

4. Baya kuhlala elowo phantsi komdiliya wakhe, naphantsi komkhiwane wakhe, kungabikho uboyikisayo; kuba umlomo kaYehova wemikhosi uthethile.

5. Kuba zonke izizwe zihamba, sona eso egameni lothixo waso; thina ke sihamba egameni likaYehova uThixo wethu, ngonaphakade kanaphakade.

funda isahluko epheleleyo Umika 4