Testamente Endala

Testamente Entsha

Umika 1:7-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Iya kuqotywa yonke imifanekiso yalo eqingqiweyo, lutshiswe ngomlilo lonke utsheqo lwalo, ndizichithe zonke izithixo zalo; ngokuba lizibuthe ngotsheqo lwehenyukazi, ziya kubuya ke zibe lutsheqo lwehenyukazi.

8. Ngoko ke ndiya kumbambazela, ndibhomboloze; ndiya kuhamba ndíbhunyulwe, ndíshiywe ndizé; ndiya kukhala njengempungutye, ndilile njengenciniba.

9. Kuba amanxeba alo akanakunyangwa; ngokuba kude kwafika nakwaYuda, kwada kwafika esangweni labantu bam eYerusalem.

10. Musani ukukuxela eGati, musani ukulila nokulila; eBhetele-afra ndizigaléle ngothuli.

11. Dlulani, bemi baseShafire, nihambe zé ngokulihlazo; abemi baseTsanan abaphumanga; umbambazelo lwaseBhete-etsele lunihlutha ukuma kwenu kuyo.

12. Kuba abemi baseMaroti bazibhijabhija ngenxa yokulungileyo; kuba kuhlé ububi buphuma kuYehova, beza esangweni leYerusalem.

13. Bophani iimbaleki ezinqwelweni zokulwa, bemi baseLakishe; ibikukuqala kwesono entombini enguZiyon, ukuthi zifunyanwe kuyo izikreqo zakwaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Umika 1