7. Iya kuqotywa yonke imifanekiso yalo eqingqiweyo, lutshiswe ngomlilo lonke utsheqo lwalo, ndizichithe zonke izithixo zalo; ngokuba lizibuthe ngotsheqo lwehenyukazi, ziya kubuya ke zibe lutsheqo lwehenyukazi.
8. Ngoko ke ndiya kumbambazela, ndibhomboloze; ndiya kuhamba ndíbhunyulwe, ndíshiywe ndizé; ndiya kukhala njengempungutye, ndilile njengenciniba.
9. Kuba amanxeba alo akanakunyangwa; ngokuba kude kwafika nakwaYuda, kwada kwafika esangweni labantu bam eYerusalem.
10. Musani ukukuxela eGati, musani ukulila nokulila; eBhetele-afra ndizigaléle ngothuli.
11. Dlulani, bemi baseShafire, nihambe zé ngokulihlazo; abemi baseTsanan abaphumanga; umbambazelo lwaseBhete-etsele lunihlutha ukuma kwenu kuyo.
12. Kuba abemi baseMaroti bazibhijabhija ngenxa yokulungileyo; kuba kuhlé ububi buphuma kuYehova, beza esangweni leYerusalem.
13. Bophani iimbaleki ezinqwelweni zokulwa, bemi baseLakishe; ibikukuqala kwesono entombini enguZiyon, ukuthi zifunyanwe kuyo izikreqo zakwaSirayeli.