Testamente Endala

Testamente Entsha

Umika 1:4-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ziya kunyibilika iintaba phantsi kwakhe, zicandeke izihlambo, njengomthwebeba phambi komlilo, njengamanzi ephalazwé exandekeni.

5. Konke oko kungesikreqo sakwaYakobi, kungesono sendlu kaSirayeli. Ngubani na obange isikreqo sakwaYakobi? AsingowakwaSamari na? Ngubani na obange izigánga zakwaYuda? AsingowaseYerusalem na?

6. Ngoko ke ndolenza elakwaSamari libe yimfumba yamatye esisimi, libe ziindawo zokutyala imidiliya; ndiwaphose amatye alo emfuleni, ndizityhile iziseko zalo.

7. Iya kuqotywa yonke imifanekiso yalo eqingqiweyo, lutshiswe ngomlilo lonke utsheqo lwalo, ndizichithe zonke izithixo zalo; ngokuba lizibuthe ngotsheqo lwehenyukazi, ziya kubuya ke zibe lutsheqo lwehenyukazi.

8. Ngoko ke ndiya kumbambazela, ndibhomboloze; ndiya kuhamba ndíbhunyulwe, ndíshiywe ndizé; ndiya kukhala njengempungutye, ndilile njengenciniba.

funda isahluko epheleleyo Umika 1