Testamente Endala

Testamente Entsha

Umika 1:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ilizwi likaYehova elafika kuMika waseMoreshete, ngemihla kaYotam, ka-Ahazi, kaHezekiya, ookumkani bakwaYuda, awalibonayo ngokusingisele kwelakwaSamari neYerusalem.

2. Yivani nonke, zizwe niphela; bazani indlebe, hlabathi nenzaliseko yalo; mayibe lingqina iNkosi uYehova ngani, iNkosi etempileni yayo engcwele.

3. Kuba nanko uYehova ephuma endaweni yakhe, eya kuhla, anyathele phezu kwemimango yehlabathi.

4. Ziya kunyibilika iintaba phantsi kwakhe, zicandeke izihlambo, njengomthwebeba phambi komlilo, njengamanzi ephalazwé exandekeni.

5. Konke oko kungesikreqo sakwaYakobi, kungesono sendlu kaSirayeli. Ngubani na obange isikreqo sakwaYakobi? AsingowakwaSamari na? Ngubani na obange izigánga zakwaYuda? AsingowaseYerusalem na?

funda isahluko epheleleyo Umika 1