Testamente Endala

Testamente Entsha

Umalaki 3:6-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ngokuba mna, Yehova, andiguquguquki; ukuze ningagqitywa nje niphele, nina nyana bakaYakobi.

7. Kususela kwimihla yoyihlo, nimkile emimiselweni yam, anayigcina. Buyelani kum, ndibuyele kuni; utsho uYehova wemikhosi. Nìthi ke, Síbuye ngokuthini na?

8. Umntu angamqhatha na uThixo, ukuba nindiqhathe nje? Nithi ke, Sithéni na ukukuqhatha?

9. Kwizishumi nemirhumo. Niqalekisiwe ngesiqalekiso; noko ke niphikéle ukundiqhatha, nina luhlangandini nonke niphela.

10. Ziziseni zonke izishumi endlwini yobuncwane bam, ize ke kubekho ukudla endlwini yam; ngoku nindicikide ngale nto, utsho uYehova wemikhosi, ukuba andisayi kunivulela na iingcango zezulu, ndinithulùlele iintsikelelo, kude kungasweleki lutho.

11. Ndoyikhalimela inkumbi edlayo ngenxa yenu, ingazonakalisi iziqhamo zomhlaba wenu, ungaphunzi umdiliya wenu entsimini; utsho uYehova wemikhosi.

12. Zonke iintlanga ziya kuthi ninoyolo, ngokuba niya kuba lilizwe elinanziweyo; utsho uYehova wemikhosi.

funda isahluko epheleleyo Umalaki 3