3. Úya kuhlala ke engumnyibilikisi, engumcoci wesilivere, abacoce oonyana bakaLevi, abahluze njengegolide, nanjengesilivere; babe ngabazìsa umnikelo kaYehova benobulungisa.
4. Woba mnandi ke kuYehova umnikelo wakwaYuda nowaseYerusalem, ngokweemini zasephakadeni, ngokweminyaka yamandulo.
5. Ndiya kusondela kuni ukuba ndigwebe, ndibe lingqina elikhawulezayo kubakhafuli, nakubakrexezi, nakubafungi bobuxoki; nakwabacudisa umqeshwa ekumvuzeni, nomhlolokazi, nenkedama; nakwabathoba owasemzini, bangandoyiki mna; utsho uYehova wemikhosi.
6. Ngokuba mna, Yehova, andiguquguquki; ukuze ningagqitywa nje niphele, nina nyana bakaYakobi.
7. Kususela kwimihla yoyihlo, nimkile emimiselweni yam, anayigcina. Buyelani kum, ndibuyele kuni; utsho uYehova wemikhosi. Nìthi ke, Síbuye ngokuthini na?
8. Umntu angamqhatha na uThixo, ukuba nindiqhathe nje? Nithi ke, Sithéni na ukukuqhatha?
9. Kwizishumi nemirhumo. Niqalekisiwe ngesiqalekiso; noko ke niphikéle ukundiqhatha, nina luhlangandini nonke niphela.