Testamente Endala

Testamente Entsha

Umalaki 3:10-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ziziseni zonke izishumi endlwini yobuncwane bam, ize ke kubekho ukudla endlwini yam; ngoku nindicikide ngale nto, utsho uYehova wemikhosi, ukuba andisayi kunivulela na iingcango zezulu, ndinithulùlele iintsikelelo, kude kungasweleki lutho.

11. Ndoyikhalimela inkumbi edlayo ngenxa yenu, ingazonakalisi iziqhamo zomhlaba wenu, ungaphunzi umdiliya wenu entsimini; utsho uYehova wemikhosi.

12. Zonke iintlanga ziya kuthi ninoyolo, ngokuba niya kuba lilizwe elinanziweyo; utsho uYehova wemikhosi.

13. Amazwi enu andigixile, utsho uYehova. Nìthi ke, Sithethé ntoni na ngawe?

14. Nìthi, Akunto yanto ukumkhonza uThixo; sizuzé ntoni na ngakuba sigciné isigxina sakhe, sahamba ngezimnyama zokuzila ngenxa kaYehova wemikhosi?

15. Kaloku ke sithi banoyolo abakhukhumeleyo; àbaneli kwakheka abenzi bokungendawo; basuka bamcikide uThixo, basinde.

16. Ke kaloku abamoyikayo uYehova bathetha elowo nowabo; uYehova wazibaza iindlebe, weva; incwadi yokukhumbuza phambi kwakhe yabhalelwa abamoyikayo uYehova, abacinga ngegama lakhe.

17. Uthi ke uYehova wemikhosi, Baya kuba yinqobo kum ngemini endenza oku, ndibaconge, njengomntu oconga unyana wakhe omkhonzayo.

funda isahluko epheleleyo Umalaki 3