Testamente Endala

Testamente Entsha

Umalaki 3:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yabona, ndiya kuthuma umthunywa wam, agece indlela phambi kwam. Iya kuza ke ngesiquphe etempileni yayo iNkosi leyo niyifunayo; kwaumthunywa womnqophiso enimlangazelelayo, yabona, uyeza; utsho uYehova wemikhosi.

2. Ngubani na ke onokuyinyamezela imini yakuza kwakhe? Ngubani na ke onokuma ekubonakaleni kwakhe? Ngokuba unjengomlilo womnyibilikisi, unjengesoda* yabaxovuli beengubo.

3. Úya kuhlala ke engumnyibilikisi, engumcoci wesilivere, abacoce oonyana bakaLevi, abahluze njengegolide, nanjengesilivere; babe ngabazìsa umnikelo kaYehova benobulungisa.

4. Woba mnandi ke kuYehova umnikelo wakwaYuda nowaseYerusalem, ngokweemini zasephakadeni, ngokweminyaka yamandulo.

5. Ndiya kusondela kuni ukuba ndigwebe, ndibe lingqina elikhawulezayo kubakhafuli, nakubakrexezi, nakubafungi bobuxoki; nakwabacudisa umqeshwa ekumvuzeni, nomhlolokazi, nenkedama; nakwabathoba owasemzini, bangandoyiki mna; utsho uYehova wemikhosi.

6. Ngokuba mna, Yehova, andiguquguquki; ukuze ningagqitywa nje niphele, nina nyana bakaYakobi.

7. Kususela kwimihla yoyihlo, nimkile emimiselweni yam, anayigcina. Buyelani kum, ndibuyele kuni; utsho uYehova wemikhosi. Nìthi ke, Síbuye ngokuthini na?

8. Umntu angamqhatha na uThixo, ukuba nindiqhathe nje? Nithi ke, Sithéni na ukukuqhatha?

funda isahluko epheleleyo Umalaki 3