Testamente Endala

Testamente Entsha

Umalaki 3:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yabona, ndiya kuthuma umthunywa wam, agece indlela phambi kwam. Iya kuza ke ngesiquphe etempileni yayo iNkosi leyo niyifunayo; kwaumthunywa womnqophiso enimlangazelelayo, yabona, uyeza; utsho uYehova wemikhosi.

2. Ngubani na ke onokuyinyamezela imini yakuza kwakhe? Ngubani na ke onokuma ekubonakaleni kwakhe? Ngokuba unjengomlilo womnyibilikisi, unjengesoda* yabaxovuli beengubo.

3. Úya kuhlala ke engumnyibilikisi, engumcoci wesilivere, abacoce oonyana bakaLevi, abahluze njengegolide, nanjengesilivere; babe ngabazìsa umnikelo kaYehova benobulungisa.

4. Woba mnandi ke kuYehova umnikelo wakwaYuda nowaseYerusalem, ngokweemini zasephakadeni, ngokweminyaka yamandulo.

5. Ndiya kusondela kuni ukuba ndigwebe, ndibe lingqina elikhawulezayo kubakhafuli, nakubakrexezi, nakubafungi bobuxoki; nakwabacudisa umqeshwa ekumvuzeni, nomhlolokazi, nenkedama; nakwabathoba owasemzini, bangandoyiki mna; utsho uYehova wemikhosi.

6. Ngokuba mna, Yehova, andiguquguquki; ukuze ningagqitywa nje niphele, nina nyana bakaYakobi.

7. Kususela kwimihla yoyihlo, nimkile emimiselweni yam, anayigcina. Buyelani kum, ndibuyele kuni; utsho uYehova wemikhosi. Nìthi ke, Síbuye ngokuthini na?

8. Umntu angamqhatha na uThixo, ukuba nindiqhathe nje? Nithi ke, Sithéni na ukukuqhatha?

9. Kwizishumi nemirhumo. Niqalekisiwe ngesiqalekiso; noko ke niphikéle ukundiqhatha, nina luhlangandini nonke niphela.

10. Ziziseni zonke izishumi endlwini yobuncwane bam, ize ke kubekho ukudla endlwini yam; ngoku nindicikide ngale nto, utsho uYehova wemikhosi, ukuba andisayi kunivulela na iingcango zezulu, ndinithulùlele iintsikelelo, kude kungasweleki lutho.

11. Ndoyikhalimela inkumbi edlayo ngenxa yenu, ingazonakalisi iziqhamo zomhlaba wenu, ungaphunzi umdiliya wenu entsimini; utsho uYehova wemikhosi.

12. Zonke iintlanga ziya kuthi ninoyolo, ngokuba niya kuba lilizwe elinanziweyo; utsho uYehova wemikhosi.

funda isahluko epheleleyo Umalaki 3