Testamente Endala

Testamente Entsha

Umalaki 2:10-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Àkamnye na ubawo wethu sonke siphela? Àsidalwe Thixo mnye na? Yini na ukuba singinizelane, siwuhlambele umnqophiso woobawo bethu?

11. Únginizile uYuda, kwenzeka amasikizi kwaSirayeli naseYerusalem; ngokuba uYuda uyihlambele ingcwele kaYehova ayithandayo, wazeka intombi yothixo wolunye uhlanga.

12. Akwaba uYehova angamnqamla, kwindoda ekwenzayo oko, lowo ulindayo naló usabelayo ezintenteni zakwaYakobi, nozisa iminikelo kuYehova wemikhosi.

13. Oku ke nikwenza okwesibini: ukugubungela isibingelelo sikaYehova ngeenyembezi, ngokulila, nangokuncwina, ade angabi sawubheka umnikelo, angabi samkela nto ikholekayo ezandleni zenu.

14. Nìthi ke, Ngani na? Ngenxa yokuba uYehova ebelingqina phakathi kwakho nomfazi wobutsha bakho, lowo umnginizeleyo wena; kanti ke lidlelane lakho, ngumfazi womnqophiso wakho.

15. Akubangakho namnye ukwenzayo oku, obenamasalela omoya. Ke wenza ntoni na omnye lowo? Wafuna imbewu yakwaThixo. Wugcineni ngoko umoya wenu, ungamnginizeli umfazi wobutsha bakho;

16. kuba ndikuthiyile ukwala, utsho uYehova, uThixo kaSirayeli; ndimthiyile nogubungela ingubo* yakhe ngogonyamelo, utsho uYehova wemikhosi; wugcineni ke umoya wenu, ninganginizi.

17. Nimdinisile uYehova ngamazwi enu. Nìthi ke, Simdinisé ngokuthini na? Ngokuthi oku kwenu, Bonke abenza okubi balungile emehlweni kaYehova, ubananzile yena; okanye nithi, Uphi na uThixo wokugweba?

funda isahluko epheleleyo Umalaki 2